
Ngaba luza kungcwatywa namathambo omzimba ukhakhayi olwenze impikiswano enkulu nekukholwa ukuba lolukaKumkani uHintsa (Ah! Zanzolo), owabulawa wanqunyulwa intloko ngamajoni aseBritani malunga neminyaka eli-167 eyadlulayo? Ngaba nyhani lukhakhayi lwakhe lona olu? Ngaba kuyinyaniso kona
otshiwo nguNkosi Nicholas Tilana Gcaleka wakuGatyana e:Transkei owalanda olu khakhayi, ukuba Iuza kunceda amadoda angavukelwayo namabhinqa angazaliyo? lngxelo yenziwa nguJIMMY MATYU.
Kufote uLENNOX DLOKO abesOuTHLIGHT.



wabulawa nguGeorge Southey, ijoni elazalelwa eScotland elinamajoni aseBritani ayekhokelwe nguHarry Smith eMpuma-Koloni.
Kuthiwa uNkosi uGcaleka owaziwa kwihlabathi jikelele ngokukhwaza kwakhe xa ethetha nezinyanya zakhe, onxiba ufele lwehlosi, isikeyiti esibomvu, idyasi ebomvu, iimbadada, amaso anoboya nophatha itshoba nomkhonto ornfutshane - ucele uMongameli Nelson Mandeta, iNkulumbuso yaseMpuma-Koloni, uRaymond Mhlaba noArchbishop Desmond Tutu ukuba bangenelele ukuze umngcwabo wolu khakhayi namathambo alo uqhubeke





UNkosi uGcaleka uphethe ukhakhayi athi lolukaKumkani uHintsa ongasekhoyo. AmaXhosa amaninzi athi unyanisile, kanti amanye ayayiphikisa L00 nto.



y
 1MIBUZO ekunzima ukuyiphendula le ebuzwa ngabantu abaninzi
baseMzantsi-Afrika nabaphesheya. isaqhubeka yona imbambano
yokuphikisana ngolu khakhayi ngoxa lugcinwe phantsi kokhuselo oluluqilima ngabangcwabi bakwaPoswa kuGatyana, apho lulindele ukwenziwa uvavanyo Iokufumana ukuba lolukabani.
UNkosi uGcaleka oligqirha uyaqhuma ngumsindo emva kokuba luthathiwe kuye ukhakhayi olulandwe nguye. Uthi lufanele lungcwatywe eThogwane ngaseGcuwa ngomhla we-1 2 kuMeyi kulo nyaka, kungenjalo kuya kubakho amashwa nempalalo-gazi engenakuncedwa eMzantsi-Afrika.
Iikumkani neenkosi zilubile ngoku olu khakhayi. Azizange zindixelele ukuba luza kuthathwa luye kugcinwa kumzi wabangcwabi ngaphambi kokuba ndidibane nazo komkhulu eNqadu, utshilo uMnu. Gcaleka enomsindo.
Uthi xa olu khakhayi lunokungcwatywa namathambo alo aza kumbiwa eNqabara eGcuwa - kuya kubakho uxolo lukanaphakade kuphele norhwaphilizo eMzantsi-Afrika.
Ukumkani uHintsa wadutyulwa
UNkosi uGcaleka nodadewabo, uNonyameko Molingi, bephethe iffoto zikaKumkani uHintsa.




Ngaba Lukhakhayi
IukaHintsa OIu Okanye Akululo?




njengoko ucetyiwe.
Uliqale iphulo lokuba ezi ndwalutho zingenelele kule mbambano emva kokuba iikumkani ezimbini zamaXhosa eMpuma-Koloni, ukumkani Xolilizwe Sigcau wamaGcaleka, nokumkani Maxhobayakhawuleza Sandile wamaRarabe, zigqibe ekubeni luthathwe ukhakhayi kuNkosi uGcaleka kwimbizo ebikwikomkhulu laseNqadu kuGatyana eTranskei ngomhla wesi-7 kuMatshi.
Bekukho iinkosi ezingama-30 namakhulu-khulu abantu kule mbizo ebibizelwe ukusombulula le mbambano. Iinkosi zigqibe ekubeni ukhakhayi lugcinwe kumzi wabangcwabi ukuze lwenziwe iimvavanyo zokufumana ukuba lolukabani. Oku kwenze iyantlukwano phakathi kweenkosi zomthonyama. Kusenjalo, amawaka-waka amaXhosa athi unyanisile uGcaleka.
lsithethi sikaKumkani uSigcau, uMnu. Mda    waseGcuwa uthe ikomkhulu belifuna ukuxelela uNkosi uGcaleka ukuba alugcine ngokwakhe olu khakhayi, kodwa ngokuhamba kwexesha ligqibe ekubeni
lugcinwe kwindawo ekhuselekileyo ukuze angalwenzi indebe yakhe okanye isekisi yakhe.
UMnu. Mda uthe abantu abaninzi baxolile sisigqibo esithatyathwe emva kweengxoxo, qha kube lulutsha olungaxolanga.
Ingxaki yalo kukuba aluzazi zonke iinyaniso. Eyona nto luyaziyo kukuba ikumkani yethu yayiphethwe gadalala. Emva koko kuthe gqi iindaba zokuba lufumanekile ukhakhayi Iwekumkani, ulutsha lwavuyiswa zezo ndaba. Aluzazi ezinye iinkcukacha, utshilo.
UMnu. Mda uthe ikomkhulu Iiza kuthetha norhulumente omkhulu
nowephondo ukuba bancedise ekufumaneni iingcali eziza kufumana inyaniso ngolu khakhayi
UNkosi uGcaleka uphakamise ikhaka athi ulinikwe njengesiqinisek!so saseScotland sobunyaniso bento ayitshoyo ngolu khakhayi.


Ngaphambi kokuba luthathwe olu khakhayi, isithethi sikaMongameli Nelson Mandela, uParks Mankahlana, uthe uMnu. Mandela ukhathazekile yimbambano ebangelwe Iolu khakhayi yaye ubongoze uluntu ukuba luyisombulule ngenzolo.
UMnu. Mankahlana nonobhala kaArchbishop Tutu, uJohn Ailen, uthe bebengekasifumani isicelo esisesikweni esivela kuNkosi uGcaleka ukuba bangenelele kule mbambano.
UNkosi uGcaleka
uzenze wathandwa
yinxalenye yabantu
ebebesembizweni emva kokubalisa ukuba uthunywe liphupha nangumoya wezinyanya ukuba ayolanda olu khakhayi eScotland. Abantu bathe ufanele othulelw u mnqwazi ngento ayenzileyo.
UNkosi uGcaleka onama-46 eminyaka ubudala waseTeko Corner eGcuwa uqale ngoNovemba nyakenye ukufuna intloko kakumkani uHintsa, esithi ufumene umyalelo wokuba ayifune ngomhla we-4 kuAprili ngo-1992, xa wayethwetyulwe iintsuku ezingama-30 kumlambo iNamba ngaseBethel Training Centre xa wayeyothwasiswa.
lmimoya yam yenkanyamba neyezinyanya yandiyalela ukuba ndiyolanda intloko kaKumkani uHintsa kwiziko lamajoni aseBritani kumantla aseScotland, ukuze ingcwatywe namanye amathambo akhe eMzantsiAfrika.
Zandixelela ukuba xa lunokulandwa



UHarry Smith etsala
uHintsa ehashini Iakhe
ngexesha lemfazwe.
(Imifanekiso yeyovimba
waseKapa)





Lo ngumfaneklso kaGeorge Southey - indoda ekuvakala
embalini ukuba yabulala uKumkani uHintsa wamnqumla
intloko. (Imifanekiso
ngabeAlbany Museum)




Ngaba
Lukhakhayi
IukaHintsi Olu
Okanye Akululo?

olu khakhayi kuya kubakho uxolo nenzolo yangonaphakade eMzantsi-Afrika, kuphele norhwaphilizo. Zandixelela ukuba izidubedube ezigquba kweli naKwaZuluNatal zibangelwa kukuba isinyanya sikaKumkani uHintsa sihamba-hamba singenantloko.
Akutshoyo uNkosi uGcaleka kuvele emva kokuvakala ngoFebruwari wanyakenye ukuba ukumkani uSandile wenza amalungiselelo eBisho ngaseQonce, okuba lulandwe olu khakhayi eBritani.
Kwavakala okwakucetywa ngukumkani uSandile yaye ngokukhawuleza abantu baphesheya baba nomdla kangokuba iBBC neSky News yathumela iintatheli ukuba ziyothetha noKumkani uSandile.
Emva kweenyanga ezisixhenxe uNkosi Gcaleka watyhola uKumkani uSandile ngokuba amacebo akhe kuba wayemxelele akucebayo xa ukumkani uSandile wayetyelele kwakhe kuGatyana.
lzityholo zikaNkosi uGcaleka
zimkhathazile uKumkani uSandile. UNkosi Gcaleka othi usisizukulwana
sikakumkani uHintsa uqhubekile namacebo akhe waza wagqiba ekubeni aye eBhayi ayofuna abantu abanokumxhasa ngemali.
Ucele uncedo lwemali ezimisele ukufumana i-R50 000 kwiinkampani ezingama-30 zaseMpuma-Koloni, waza wafumana i-R16 400 kuphela.
UNkosi uGcaleka ukhethwe wanguMongameli weEastern Cape National Traditional Healers Association eseBhayi. Ukhethe igqiza eliza kuhamba naye kulo mbutho. Kodwa ngemini engaphambi kokuba andulukele eScotland, ugxothiwe ngumbutho wakhe emva kokuba ekhethe elinye iqela eliza kuhamba naye.
UNkosi Gcaleka ugqibele eyile eScotland nowayefudula elilungu lepalamente eTranskei, uBhalizulu Mhlontlo, noMfundisi Mzwandile Nzulwana, ongumprofethi waseTranskei.
Bafike eHeathrow Airport eLondon ngomhla we-1 5 kuFebruwari, apho bebelindwe ngumnyobo weCadillac onendawo yokusela neewayini neeglasi.
UNlkosi uGcaleka ubebahlawulisa oonondaba abafuna ukudlan indlebe naye eLondon ukuze afumane imali eza kubanceda. Ubebiza i-A300 ngodliwano-ndlebe LweTV aze abize i-R1 80 ngolwephepha-ndaba.
Uphande umkhonto kakumkani uHintsa wawufumana kwiBritish War Museum, kodwa iziko lozakuzo laseMzantsi-Afrika
lithe makangawuthathi kuba kufanele kuthetha-thethwane ngokuthathwa kwawo.
UNJkosi uGcaleka uthi izinyanya zakhe zazimxelele ukuba intloko kaHintsa seyigcinwe kwiindawo ezili-1O ukususela ngo-1 835, kodwa ngoku ikwihlathi Iaseinverness.
Xa ebeseLondon ufikelwe ngumbono axelelwe ngehlathi, umlambo nedlelo elinehashe elincinane aya kufumana ukhakhayi kufutshane nalo.
Ugalelekile kwifama yaseMid Fearn, eArdgay, eEaster Roass (ejongene nonxweme IwaseDornnoch Firth emntla-mpuma weScotland) ngomhla wama-23 kuFebruwari ngokulandela iingcombolo azinikwe kwindawo afumene umkhonto kuyo.
UNkosi uGcaleka uthi uzive edlamka nangakumbi waqalisa nokuthetha ngokukhefuzayo xa wayesuka elnverness esiya eMid Fearn ngemoto. Uthi imo-zulu itshintshe yagungxa kwakho amafu amnyama phezu kwefama ngokuya isondela imoto yakhe.
lnkosi yalo ndawo yaseScotland, uCharles Brooke, umso kwindlu engaphandle obelugcinwe kuyo ukhakhayi lungenawo umhlathi wangezantsi, kwaye lunomngxuma ongathi ngowokuphuma kwombumbulu kufutshane nendawo eyayinendlebe yasekunene.
Emva kokuthandaza apho uthe uyakholwa ukuba ulufumene ukhakhayi lukaKumkani uHintsa.
UNkosi uGcaleka uthi umakazi kaCharles Brook utsale umnxeba eseAustralia engqina ukuba olu khakhayi lolwenkosi yamaXhosa, Iweza namajoni eBritish Highland eBritani eluthatha eRhini
ngo-1 901.
Uthi olu khakhayi luvavanyiwe ngabathandazeli baseBritani nabo bangqina ukuba ngenene lolukaHintsa.
UNkosi uGcaleka uziphikisile iingxelo zakutshanje zephephandaba laseBritani zokuba olu khakhayi lolwendoda eyayingunongendi eCeltic.
IiKumkani neenkosi ezithi maluhlolwe olu khakhayi, zikholwa kukuba ngokutsho kwembali ukumkani uHintsa wadutyulwa ngasekhohlo yaye kuthiwa lwavuleka ukhakhayi bachitheka ubuchopho, kodwa oluze noNkosi uGcaleka kuthiwa luvalekile ngaphezulu.
Bahlangatyezwe yinginginya yabantu eBhayi xa ebofika uNkosi uGcaleka, uMnu. Mhlontlo noMnu. Mzulwana, kuquka neqela lamagqirha ebelicula libetha namagubu.
Oku kwonze yema ngxi yonke into kwisikhululo seenqwelo-moya saseBhayi yaye abanye abahambi babukele bemangalisiwe xa uNkosi uGcaleka engathi umkelwa ziingqondo waza wabalisa ngohambo lwakhe emva kokuxhentsa nokuxhuma-xhuma ngamadolo.
Ubulele izinyanya zakowabo ngokumkhusela abuyele ekhaya emva kokuba zimnike amandla zamthwala kwilizwe lasemzini ukuba ayolanda ukhakhayi. Ukhakhayi Iwalugcinwe kwikhabhathi ekwindlu ekufutshane nomlambo apho kwakukho nehashe elimhlophe owayexelelwe ngalo zizinyanya.
UNkosi uGcaieka ubulele uCharles Brooke ngokumnika ukhakhayi lukakhokho wakhe, uHintsa.
Emva koko ulukhuphile ukhakhayi -lusongwe ngelaphu eliiuhlaza kwibhokisana yamaplanga ebiboshwe ngemitya - walubonisa isihlwele sabantu, ebabonisa nomngxuma wembumbulu emva kwendawo eyayinendlebe yasekunene.
UNkosi uGcaleka obechulumancile uthe: Le ntloko kakumkani uHintsa iza kuvuselela amandla esondo amadoda angavukelwayo namadlolo iza kuwanceda. emva koko uthathwe yiteksi yahamba naye.
EZIFIKE MVA:

* Xa besishicilela eli nqaku iinkosi ezingaphantsi kukakumkani Xolilizwe Sigcau ziyikhabe ngawo omane into yolu khakhayi ngokuthi yintsomi. isithethi sezi nkosi sithe olu khakhayi asilulo olukaKumkani uHintsa, satsho sifunga ukuba alunakuze lungcwatywe nomzimba wakhe njengoko kusitsho uNkosi uGcaleka.

* Ezinye iindaba ezivakeleyo zezokuba uNkosi uGcaleka uphume phakathi kwinkqubo yokutsalwa komnxeba ebikumagumbi osasazo aseRadio Xhosa. Ubesoyiswa kukuphendula uthotho lwemibuzo ebibuzwa ngabaphulaphuli abangamaxhosa. KWINYANGA EZAYO: Uphando lukajimmy Matyu ngentloko kaKumkanil uHintsa. 




UMandela Obezimisele
Uwuqhawule Umtshato

UYINDODA eyaziwayo ngokuxolela.
Waxolela umseki wenkqubo yocalucalulo, uGqr. Hendrick Verwoerd; umntu owamvalela entolongweni, uP.W. Botha; neentshaba zakhe - eziquka noMangosuthu Buthelezi weNkatha, uConstand Viljoen - xa sibala nje abambalwa. Kodwa akakhange amxolele umkakhe ongoyena mntu amthandayo!
Ekugqibeleni uNelson Rolihlahla Mandela uliqhawule iqhina lomtshato noWinnie Nomzamo Madikizela ebebeneminyaka engama-38 betshatile! (Kaloku esi sibini satshata ngomhla we-14 kujuni ka-1958 emva kokuba uMandela wayeqhawule umtshato nomkakhe wokuqala, uEvelyn).
De kube ngomhla we-18 nowe-l9 kuMatshi ka-1996, nakwintsuku ezingemva koko, ihlabathi  belingazazi ukuba zingakanani iingxaki( emtshatweni obunamahla ndinyuka kaNelson
noWinnie Mandela  nokuthi ubungasenako ukusindiswa. lngxelo yenziwa nguFELIX





Lo mtshato ubunamahla
ubungenakusindiswa nakubeni ndinyuka

wamelana nokuvalelwa kukaMandela iminyaka engama-27 nokutshutshiswa kukaWinnie, ngokuvalelwa, ukubekwa
amatyala nokuthathwa aye kuhlaliswa kwiindawo ezithile ngurhulumente wocalucalulo. Ubufanele ukuqhawulwa lo mtshato, yaye uMadiba ubefuna kuzaliseke oko!
Esona zizathu sibe negalelo elikhulu ekuqhawulweni kwawo zizityholo zokukrexeza kukaNksk. Mandela ebezibekwa nguMongameli Mandela. lzityholo zikaMnu. Mandela zingqinwe nayincwadi yezothando uNksk. Mandela owayeyibhalele umncedisi wakhe, uMnu. Dali Mpofu oligqwetha (onama-33 eminyaka), xa wayeyintloko yeSebe leNtlalo-ntle IeANC.
Le ncwadi yathunyelelwa umhleli wephepha-ndaba ngumntu ongaziwayo, waza yena wayithumela kuMongameli Mandela ngaphambi kokuba ayishicilele ephepha-ndabeni lakhe.
Akakhange aziphikise izityholo



30 BONA XHOSA - May 1996

		BONA XHOSA - May 199 31

32 BONA XHOSA - May 1996

34 BONA	XHOSA ...- ay

